Hepatitis A
IHepatitis A (eyayidla ngokubizwa ngokuba yihepatitis eyosulelayo) emandla isifo esosulelayo sesibindi esibangelwa yintsholongwane yehepatitis A (HAV).[1] Iimeko ezininzi ziba neempawu ezincinci okanye zingabikho kwaphela ingakumbi kwabaselula.[2] Ixesha eliphakathi kokusuleleka neempawu, kwabo bazifumanayo, liphakathi kweeveki ezimbini nezintandathu.[3] Xa kukho iimpawu ngokuqhelekileyo zihlala iiveki ezisibhozo yaye zinokuquka isicaphucaphu, ukugabha, utyatyazo, ulusu olutyheli, ifiva, nesisu esibuhlungu.[2] Abantu abamalunga ne-10–15% bayabuyelwa kwakhona ziimpawu ebudeni beenyanga ezintandathu emva kokusulelwa okokuqala.[2] Ukoyisakala okumandla kwesibindi akunakufane kubekho yaye oku kuxhaphake kakhulu kubantu abadala.[2] Ngokuqhelekileyo isasazeka ngokutya okanye ukusela ukutya okanye amanzi angcoliswe lilindle elinesi sifo.[2] Oonokrwece abangaphekwanga ngokwaneleyo idla ngokuba ngoyena nobangela.[4] Kanti inokusasazwa ngokusondelelana nomntu onokukosulela.[2] Ngoxa abantwana bengabi nazimpawu xa basulelwa banokubosulela abanye.[2] Emva kokosulelwa kanye, umntu akaphinde asuleleke ubomi bakhe bonke.[5] Ukuze ifunyaniswe kufuneka kuhlolwe igazi njengoko iimpawu zifana nezo zezinye izifo.[2] Yenye yeevayirasi ezintlanu ezaziwayo zehepatitis: A, B, C, D, kunye E. Ihepatitis A vaccine iyanceda ekukhuseleni.[2][6] Amanye amazwe ayincomela ngokuqhubekayo ebantwaneni nakwabo basengozini enkulu abangazange bagonywe ngaphambili.[2][7] Lubonakal lusebenza.[2] Ezinye iindlela zokuyithintela ziquka ukuhlamba izandla ukukupheka kakuhle ukutya.[2] akukho nyango lukhethekileyo, uphumle yaye amayeza isicaphucaphu okanye utyatyazo akhutshwa njengoko efuneka.[2] Ukosuleleka kudla ngokusuka ngokupheleleyo nangaphandle kwesifo esiqhubekayo sesibindi.[2] Unyango lokoyisakala ngokupheleleyo kwesibindi, ukuba kuyavela, uqhaqho-fakelo lwesibindi.[2] Ehlabathini lonke malunga neemeko ezineempawu eziyi-1.5 lezigidi zibakho nyaka ngamnye[2] yaye lilonke bamalunga namashumi ezigidi abanokosuleleka.[8] Ixhaphake kakhulu kwimimandla yehlabathi enogutyulo olukumgangatho ophantsi nalapho kungekho manzi akhuselekileyo aneleyo.[7] Kumazwe asakhasayo malunga ne-90% yabantwana baye bosuleleleka beneminyaka eyi-10 ubudala yaye bayakhuseleka xa sele bebadala.[7] Idla ngokuqhambuka kumazwe ahambele phambili noko apho abantwana bengachanabekanga ngoxa beselula yaye bengagonywa kakhulu.[7] Ngo-2010, ihepatitis A emandla yaphumela ekufeni kwabantu abayi-102,000.[9] Usuku Lwehlabathi Lwehepatitis ibakho nyaka ngamnye ngoJulayi 28 ukwazisa ngeviral hepatitis.[7] Iimbekiselo
|